NEW New GP Practice opening in Zithulele Village on 12 February 2025

· Dr Kent · Health Info  · 1 min read

Pap Smear (isiXhosa)

Iinyani zomhlaza wesibeleko

Iinyani zomhlaza wesibeleko

Intsholongwane eqhelekileyo eyosulela ngokwabelana ngesondo nanencindi zomzimba.

UBUSAZI NA?

Umhlaza wesibeleko ngowona mhlaza ubulala kakhulu uchaphazela abafazi

IINYANI ZOMHLAZA WESIBELEKO

  • I-9 kwiimeko ezili-10 zibangelwa yiHPV
  • Ithanda ukuchaphazela abafazi abaphakathi kweminyaka 30 ukuya ku50
  • Amabhinqa angaphezulu kweminyaka eyi18 abaneHIV kumele bahlole umlomo wesibeleko qho emva kweminyaka eyi3
  • Amabhinqa angenayo iHIV kumele ahlole emva kwenyaka eyi10, ukuqala kwiminyaka eyi30

Iimpawu zomhlaza wesibeleko

  • Ukopha ngendlela engaqheleka xa usexesheni
  • Ukopha emva kokuyeka ukuya exesheni
  • Ukukhutshwa kwevumba elibi & Ukwehla emzimbeni
  • Ukopha okanye iintlungu xa usabelana ngesondo

Yintoni iPap Smear?

IPap smear = ukuhlolwa / uvavanyo oluthembekileyo nokubonwa kwangoko umhlaza wesibeleko, iswabhu yeeseli zomlomo wesibeleko.

NINI UKUYA KWI-PAP SMEAR

Naliphi na ibhinqa elinempawu zomhlaza womlomo wesibeleko kumele ahlole umhlaza wesibeleko ngokukhawleza kwisebe lezempilo elikufutshane.

QAPHELA: Umhlaza wesibeleko unganyangeka ngokufanelekileyo ukuba ufunyenwe kwaye wabonwa kwangoko.

Download PDF

Back to Blog

Related Posts

View All Posts »